


46 BONA XHOSA - June 1995


UPHOXWE KUKUNGAVUKELWA?
Lukhona uncedo!
kufote UBRENT STIRTON abafotiweyo bayalinganisa nje
Ukungavukelwa okungapheliyo kuyenza indoda iphelelwe kukuzingca ngokuba yindoda kwayo. Ngenxa yenqkubelaphambili eyenziweyo emayezeni, kukho ithemba ngoku ngabantu abanengxaki yokungavukelwa


NGENXA yomsebenzi wakhe omfunisa ukuba abe soloko eseluhambeni, umnumzana othile uneeveki eziliqela engekho elusatsheni lwakhe. Uyalukhumbula uthando olufudumeleyo lwenkosikazi yakhe, kwaye uqinisekile ukuba nayo inokuba imkhumbula ngokunjalo. Ngathi alisade lifike ixesha lokuba baphinde babe kunye kwakhona.
Ekugqibeleni ude waba ufikile ekhaya, ngoku bobabini balindele ukuba nengokuhlwa yesondo ekukudala beyilindile! Kodwa, ngelishwa bethu, ayabadanisa nje loo ngokuhlwa! Bebengayilindelanga tu into yokuba le ngokuhlwa iza kuba muncu kubo bobabini ngolu hlobo. Uyayazi ingxaki? Ewe, uchanile, ilungu lomnumzana alivumanga ukuvuka. Okubi kakhulu kukuba asikokokuqala eba nale ngxaki ephathis iintloni xa enenkosikazi yakhe.Kubonakala ukuba ingxamel ukuba yingxaki engapheliyo.
Ingxaki yokungavukelwa yingxaki ayenza imfihlo amadoda. Njengoko sesitshilo, yingxaki yokungavuki kwelungu lobudoda, lithi maxa wambi naxa lithe lavuka ke, lingahlali limile ngokwaneleyo ukuze isondo liqhubeke ngokwanelisayo.
Yingxaki eyenza indoda ifune ukuthi vuleka mhlaba ndingene, kanti kuba seso nakwiqabane layo, kwaye iba sisilingo emfazini esimenza acinge ukuphunguza akufune kwenye indoda ukwaneliseka ngesondo.
Indoda iye izive iphelelwe sisidima sayo sobudoda, kodwa ngenxa yokuba yinto engathethwayo leyo, ayiyithethi neqabane layo, ayiyithethi nakubahlobo bayo nakugqirha. Iye maxa wambi ifane izithuthuzele ngelithi mhlawumbi zizinto zokukhula.
Kwixa elidluleyo, ukungavukelwa bekucingwa ukuba kubangelwa yinto esemphefumlweni
njengexhala, njengokuba nexhala lokuba kazi ndiza kumanelisa na lo mntu ndiza kudibana naye ngesondo. Kodwa ngoku abenzi bophando bafumanise ukuba ubukhulu becala ukungavukelwa kubangelwa ziingxaki ezisemzimbeni ezinjengehigh blood pressure, ukutshaya, isifo seswekile, ukusebenzisa iziyobisi, ukuba nomhlaza nokwenzakala komnqonqo.
Iindaba ezimnandi ke zezokuba ukungavukelwa yingxaki enokunyangeka. Ziliqela iindlela zokukunyanga, ke ngoko abantu abanale ngxaki siyabacebisa ukuba bafune uncedo kwingcali yeenkathazo zomchamo (urologist)
okanye kugqirha nje oqhelekileyo. Ezi ndlela zonyango nazi: indlela
elivuthelayo ilungu, ukuhlonyelwa kwendawana ethile elungwini, ukutyandwa kwalo, unyango oluginywa ngomlomo, nesitofu.

Xa sithetha ngokungavukelwa, asiquki neengxaki ezinjengokungatyekezi kwelungu lobudoda ngexesha lesondo nokungabi nayo inzala; sithetha kuphela ngokungavuki kwelungu lobudoda.

Lilonke, amadoda angavukelwayo makangabi sambinambineka odwa nale ngxaki eyifihlile. Uncedo loogqirha luyafumaneka! 



48 BONA XHOSA - June 1995

SITHE ngenye imini xa sidlula kumabala omdyarho eGreyville kweli
hlobo saba nomdla kwiqela labantwana abancinci ebelihleli kwizitulo ezimibala-bala kuqaqaqa osecaleni kwesitrato, iMitchell Road, eThekwini.
Ukuqaphela kwethu okokuqala aba bantwana babukeke ngathi banentlanganiso kungenjalo ipikniki kuloo ndledlana.
Kodwa, kuba abanawana abancinci bengengobantu baba neentlanganiso kwaye nale ndawo bebehleli kuyo
Kuqhutyekwa nezifundo kwisikolo esisesitratweni. UNkzn. Zulu efundisa abafundi bakhe abancinci.

ingeyondawo ilungele pikniki siqondile ukuba makhe sime siphande ukuba benza ntoni kanye kanye aba bantwana.
Sithe xa sisondela seva amazwana enkenteza, ngaphandle kwengxolo le ibisenziwa ziimoto, kuculwa ingoma edla ngokuculwa ekhreshi ngamxhelomnye. Izinto ezibe

ISIKOLO
ESISESITRA-TWENI
Ekupheleni kwebala lomdyarho laseGreyville, eThekwini, unokuqaphela ukuba kukho abantwana abafundela ecaleni kwendlela.
ibali nguPRIMROSE WILLIAMS mifanekiso ifotwe nguDAVE ELLINGER

sisiqinisekiso ebezimi ngaphambi kwabo ezifana neencwadi, iibhodi zisinike umtyhi wale nto yenzeka apho.
Ngoku sibukelayo besele kuqaliwe ngezifundo eklasini. Sisikolo esinjani esi sisecaleni kwesitrato? Ewe, kunjalo phaya kwikona yesitrato iMitchell neNewmarket ngakwibalo lomdyarho eGreyville kukho ikhreshi.
Iveki iphela belapha aba bantwana, benyamezela ubushushu, imimoya, uthuli maxa wambi iindudumo neemvula. Ingxolo yemoto itsho ngeyona ndlela kwaye nokuphala.



50 BONA XHOSA - June 1995 ISIKOLO

ESISETRATWENI
kwamahashe ngeemini zemidyarho kuyongeza ngakumbi ingxolo, utshilo uNkzn. Thuli Zulu, ofundisa kwesi sikolo singaqhelekanga.
Asiyo ndawo ilungele isikolo kwaye ingeyiyo nelungele abantwana abasakhulayo le nanjengoko boye baqhunyiselwe ziimoto ezidlulayo. Enye into basemngciphekweni wokugiliswa ziimoto.
UNkzn. Zulu uthe basenethamsanqa kwesi sikolo kuba akukabikho mntu ugiliswe yimoto ukuza kuthi ga ngoku. Ngumba omkhulu lo ingakumbi xa abantwana kufuneka benqumle isitalato esiphithizela olu hlobo ukuze bafikelele kwindlu yangasese emalunga neemitha ezingama-300 ukusuka esikolweni.
Esi sikolo sinabafundi abali-16, bonke bahlala kwinkampu yabangcuchalazi ekufutshane ebizwa ngokuba yiAK Block. Iminyaka yabo iqala kwabo baneenyanga ezingama-20 ukuya kwiminyaka emihlanu.
UNkzn. Zulu ubafundisa ukususela kwiyure yesibhozo kusasa ukuya kweyeshumi elinambini kungenjalo eyokuqala.

Abantwana neetitshala bonwabile bayacula kwaye bayashukuma nokushukuma

Ukuhlala kwethu apha esikolweni kuxhomekeka ekubeni siyayifumana okanye asiyifumani na into esiwa phantsi kwempumlo. Abantwana abazi nakutya. Okwangoku sibanazo iintsuku zokulamba neentsuku zentlutha. Ngeemini zentlutha abaqhubi zimofo bayabazisela abanlwana ukulya.
Xa kukubi sukuba kungekho mntu usinika kutya sinyanzeleke ke ngoko ukuba sibakhulule bagoduke abantwana ngentsimbi yeshumi elinambini, ucacise watsho uNkzn. Zulu.
Enye into esixhomekeke kuyo ngokuhlala ithuba elide yimozulu. Ilanga aliyo ngxaki kuthi kuba bakhona abantu abasipha iiambrela ezisinceda mhla linayo.




52 BONA XHOSA - June 1995
ISIKOLO ESISESITRATWENI
Abantwana bayaqhubeka nomsebenzi wabo eli lixa iimoto zigqitha zingxola.

Xa lisina kakhulu okanye liduduma kuye kufuneke ukuba sibakhulule abantwana kuba imithi ayikhuseli ingakumbi ngeemini zendudumo.
Uninzi loomama babantwana luthengisa ezitratweni. Besebancinci aba bantwana bebeye bahamba-hambe nabo. Bathe besakukhula aba bantwana babona abazali ukuba mabazame indlela yokuba bafunde bangachithi imini ezitratweni njengabo. Akukho manzi okusela kufutshane. Oko kunyanzela uNkzn. Zulu aze nawo endlwini yakhe yonke imihla nesitya sokuhlambela izandla.
Aba bantwana bafundiswa izicengcelezo, ukuzoba ukufaka imibala emifanekisweni bafundelwe namabali. Esibona ukuba asanelisekanga uNkzn. Zulu uthe, Nangona ininzi ingxolo evakalayo kukho nezinye zinto eziphazamisayo ndikwazile ukubafundisa aba bantwana ukuba bafunde ukumamelisisa bawenze kakuhle nomsebenzi wabo.
Sakuphuma isikolo iibhodi, izitulo, iincwadi nezinye izinto ezisetyenziswayo
zigcinwa enkampini yabangcuchalazi.
Nangono imeko yokufunda apha ingancumisi uNkzn. Zulu usixelele ukuba abazali bayaxola kuba kaloku kukhona okuncinane okufundwa ngabantwana babo.
Sizama ukukhuthaza imfundo. Siyathemba ukuba ukufunda kwabantwana kwesi sikolo kuya kubakhuthaza ukuba bafune ukuya kwizikolo ezizizo. Sinyanzelekile ukuba sikwenze oko nanjengoko beseliqela abantu abangafundanga.
Sebekhona abantwana ababefunda apha kulo nyaka uphelileyo abafunda ezikolweni ezizizo ngoku. Sinethemba lokuba nabakulo nyaka bayakwenza oko kunyaka ozayo.
Ngokutsho kukaNkzn. Zulu esi sikolo sizezakuba kule ndawo sikuyo deske
kufumaneke indawo efanelekileyo. 



60 BONA XHOSA - June 1995

USimon Ndawonde evuyisana  noBheki ngokuphumelela kwakhe
UNOGADA ON ESIDANGA


UBHEKI Shezi unenkolo yokuba imfundo inokumnika isidima naphi na apho asebenza khona. Namhlanje akukholelwayo kumsebenzele.
UBheki ubesoloko ekunqwenela ukufunda kodwa ngenxa yemeko yosapho lwakowabo akazange aphumelele. Kwanyanzeleka ukuba ayeke esikolweni xa wayekwiBanga le-9, xa kanye eza kugqibezela ukufunda uyise waphelelwa ngumsebenzi.
Njengaye namphi na umntwana ohlelelekileyo kwanyanzeleka ukuba asiyeke isikolo aphangele. Ngo-1980 uBheki waya eRhawutini apho wawufumana khona umsebenzi.
Usebenze umsebenzi osisingxungxo de kwango-1984. Kwathi ngo-1985 wayeka ukusebenza apho wayosebenza kwinkampani yokwakha. Kodwa uBheki wasebenza unyaka omnye apho.
UBheki wawushiya loo msebenzi wasebenza eUniversity of Zululand:
kwiCandelo layo eliseMlazi, kumazantsi eTheku, njengoNogada. Usenza loo msebenzi nangoku.
Xa wayefika eyunivesithi uBheki wayengazi ukuba kuza kuvuleka iingcango ukuze aqhubeke efunda.
Ndandivula amasango esikolo ndibona abafundi, abanye babo ndandifunda nabo kumabanga aphantsi bephuma bengena kule yunivesithi.
Ukubona aba bafundi kwamkhuthaza ukuba aqhubele phambili imfundo yakhe. Kodwa kwakungelula ukubhalisela nantoni na kwiminyaka yakhe yokuqala kulo msebenzi.
Ndandingazi nokuba ndiya kuba nako na ukumelana nokufunda kuba umsebenzi wokuba ngunogada wawungandiniki thuba lokuphumla. Kwafuneka ndijonge ukuba ndinako na ukufunda ngasese ndibe ndisebenza.
Kuthe ngo-1987 uBheki wabhalisa izifundo zokuqala ezithathu zeMatriki Ogwini Comprehensive College. Kumnyaka olandelayo wathabatha ezinye izifundo ezithathu.
UBheki uthi ngoko wayezimisele ukugqibezela iMatriki. Akazange acinge ngokufundela isidanga. Wazama ukuphumelela ezi zifundo kodwa kwakukho umfo othile oyintanga kayise naye owayefunda
kubhale uDANTE MASHILE
kufote uDAVE ELLINGER


UBheki Shezi wenze izifundo zesidanga phezu kwenqxaki abejamelene nazo kuba engumfundi ozimiseleyo imatriki kwangaloo nyaka, owayemkhuthaza.
Ngo-1988 uBheki uthe akugqiba imatriki wabhalisa kwicandelo leUniversity of Zululand eliseMlazi.
Ndandisazi ukuba nkqu nomfundi wangasese unako ukufunda eyunivesithi.
UBheki uqalise ukufunda eYunivesithi ngo-1989 elumkile -engathandi ukuwujongela phantsi umsebenzi wakhe awuthandayo.
Kwafuneka ndichazele endisebenza nobo isizathu sokuba ndifune ukufunda, ukuze bandikhuthaze bandithembe nokundithemba, utshilo.
Kwakukho amathuba ayengamhambeli kakuhle kwiminyaka yakhe yokufunda. Ukusweleka kukayise kwenzeka
ngo-1992 xa kanye kwakusele nje iintsuku ezine phambi kokuba abhale ezona zifundo ziphambili.
Oku kwandiqob'amondla, kwafuneka ndilungele ukubhala iimviwo kunyaka olandelayo.
Kuba uBheki ezimisele ukugqiba akuqalileyo akazange alahlekelwe uye wangunogada wokuqala owenze isidanga, waziva enelunda lokubonisa abanye ukuba kunokwenziwa.
Namhlanje uBheki uneBachelor of Administration degree (B.Admin) enezifundo eziphambili zeEconomics nePublic Administration, kwaye usengunogada.
Ngoku wenza iPost-graduate Diploma kwiIndustrial Retations kwiYunivesithi yaseNatala eThekwini (UND).
Kum, ukuba ligcisa kukulungiselela umsebenzi wokwakha isizwe. Ukufaka kwam isandla koku kuza kwenza umahluko.
Umnqweno kaBheki kukuba ngumntu ekunokuqhagamshelwana naye kushishino neYunivesithi yenza unako nako ukumnceda awuzalisekise lo mnqweno. 



		-

		-

